Eden FM News

I-ANC eNtshona Koloni ikwamkele ukupheliswa kwesivumelwano sengqesho semanejala yomasipala waseMossel Bay, uThys Giliomee


I-ANC eNtshona Koloni ikwamkele ukupheliswa kwesivumelwano sengqesho semanejala yomasipala waseMossel Bay, uThys Giliomee. Ukugxothwa kwakhe kuza emva kwezityholo zokuhlukumeza ngokwesondo abekwa zona. U-Giliomee wanqunyanyiswa ngoApril emva kokuba lo masipala wasungula uphando ngakuye. Izolo lo masipala ubhengeze ukuba ufikelele kwisivumelwano noGiliomee sokuqhawula isivumelwano sakhe sengqesho. Inkokheli yeANC ephondweni, uCameron Dugmore uthi bayasamkela esisigqibo.